Imigca Yendlela

Iziwelo Zabahambi Ngeenyawo & Imigca Yokuma

Isiwelo Sabahambi Ngeenyawo

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela phambi kwesiwelo sabahambi ngeenyawo.

Injongo: Ukubonisa indawo apho ungenakuma khona ngaphandle kwabahambi ngeenyawo abanqumlayo okanye abafuna ukunqumla indlela okanye kwimoto esele imile.

Okufuneka kwenziwe: Jonga abahambi ngeenyawo abanokunqumla indlela, cotha uze ume ukuba kukho umntu ofuna ukunqumla indlela. Musa ukugqitha ngaphakathi kwale ndawo okanye ugqithe imoto emileyo kuso nasiphi na isiwelo sabahambi ngeenyawo.

ilayisensi ye-k53

Imigca Yokungami

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.

Injongo: Ukwalela abaqhubi ukuba beme apho iimoto ezimileyo zinokuphazamisa itrafikhi okanye apho okungqongileyo kuvingcela ukubona nalapho ezo moto zinokuvingcela ukubona ngakumbi.

Okufuneka kwenziwe: Ngaphandle kwimeko yengxakeko, musa ukuma kule migca.

Kwimeko yomgca onqamukayo, awunakuma ngamaxesha aboniswe luphawu lwetrafikhi yendlela.

ilayisensi ye-k53

Imigca Yokungapaki

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.

Injongo: Ukuthintela abaqhubi ekumeni apho iimoto ezimileyo zinokuphazamisa itrafikhi, okanye apho okungqongileyo kuvingcela ukubona nalapho ezo moto zivingcela ukubona ngakumbi.

Okufuneka kwenziwe: Ngaphandle kwimeko yengxakeko, ungama ixesha elifutshane, kodwa awunakupaka apha.

Ukupaka kuthetha ukuba imoto imile (nokuba injini isebenza okanye ayisebenzi) ixesha elide kunelo lifunekayo ukulayisha okanye ukukhulula impahla okanye abakhweli.

ilayisensi ye-k53